Skip to main content

Latest News

Published on:
23 July 2026

UNoyakana Fishing Primary Cooperative kwaNombanjana ubonakalisa ukomelela

 

Ibhalwe ngu Asisipho Khetshemiya wase Coastal Links


Abalobi bakwaNombanjana ku Centane bathi ukungabanjwa kwezithembiso ngurhulumente kuyakuchaphazela ukusebenza kwabo kunye nombutho. Ngokwengxelo yalombutho, amalungu ayaqhubekeka ukuloba njengeziqu (individually), esondla amakhaya wawo, kodwa izithembiso ezingafekiswayo ngurhulumente kunalo ifuthe kumakhaya amaninzi wabalobi.

Lo mbutho waye wathenjiswa ngurhulumente ngonyaka ka 2019, xa wawubhaliswa, ukuba uzakuxhaswa ngezixhobo zokuloba, kodwa kuqengqeleke iminyaka oko kungenzeki.
U Noyakana ngumbutho ongumfela-ndawonye (Co-operative) wabantu bokuhlala abangabalobi abahlala kwilali yakwaNombanjana kwaye lo mbutho wasekwa ngenkxaso nenkuthazo karhulumente ngo-2018.

Umbutho wabhaliswa ngokusemthethweni, wafumana neencwadi eziqinisekisa ukubhaliswa ngo-2019. Lo mbutho wasekwa ngamalungu ali-124 wasekuhlaleni. Kodwa, ngoku unamalungu angama-42. Amanye amalungu akhutshiwe ngenxa yokungathathi-nxaxheba kwizinto zombutho. Kula malungu akhoyo abantu abango mama balishumi elinesibhozo (18), otata abalishumi elinesithathu (13), kunye nabantu abatsha abalishumi elinanye (11).
UNoyakana akazange wasebenza ngenjombutho wabalobi ngenxa yokungabinazo izixhobo zokusebenza. Nangona amagosa karhulumente ayethembise ngokuncedisa ngezixhobo, akwenzekanga ngolohlobo.

Nangona kunjalo, amalungu aqhubekile eloba njengeziqu ngenjongo yokondla amakhaya awo. Akwasebenzisa umhlaba, elimela ukondla amakhaya awo.
Ngo-2025, amalungu kaNoyakana athatha isigqibo sokubiza iCandelo Lezoqoqosho loRhulumente waseKhaya (Local Economic Development – LED) ngenjongo zokucela izixhobo zokuloba. Lizile icandelo, lathembisa ngokubathengela izixhobo zokuloba kunye nezi khenkcezisi. I candelo lathi lathembisa ukubathengela izixhobo zokuloba ngelixa bemi ematyeni kuba zizo afikelela kuzo. Latsho ukuba lizokucela abancedisi (idonor) abanokukwazi ukuncedisa ngezixhobo zokungena phakathi elwandle.

Zifikile izixhobo ngomhla we 12 June 2026 ezithengwe ngumaspala. U sihlalo wombutho wathi waya eMonti eyokujonga izixhobo ukuba ziphelele na.
Ngomhla we-17 June 2026 umasipala wase Mnquma ebendwendwele uNoyakana, ezokujonga indawo ekuzakubekwa kuyo izikhenkcezisi nezinye izixhobo.