Skip to main content
Home
About
Work Streams
Movement Building
Food Sovereignty
Climate Justice
Democratisation of Governance
Media & Publications
Latest news
Publications
Gallery
Inyanda Community News
Contact
Address
36 Durban Road,
Mowbray, Cape Town
Follow Us
Home
About
Work Streams
Movement Building
Food Sovereignty
Climate Justice
Democratisation of Governance
Media & Publications
Latest news
Publications
Gallery
Inyanda Community News
Contact
Latest News
Published on:
10 October 2022
Ukuzisa i-Agroecology eLokishini
[vc_row css=”.vc_custom_1675507194322{margin-top: 0px !important;margin-right: 0px !important;margin-bottom: 0px !important;margin-left: 0px !important;padding-top: 20px !important;padding-right: 5px !important;padding-bottom: 20px !important;padding-left: 5px !important;}”][vc_column][vc_column_text el_class=”text-content”]UMdantsane yilokishi yesibini ngobukhulu eMzantsi Afrika kwaye izinze eMonti eMpuma Koloni. Uninzi lwabantu baselokishini lujongene nemingeni efana nentswela-ngqesho, indlala nobuNdlobongela ngokweSini kunye nolwaphulo-mthetho. Xa kujongwa yonke le mingeni, amalungu asekuhlaleni kwaWadi 14 kwaNU3 athathele kuwo uxanduva lokuzenzela kangangoko anako. Uluntu lwabhalisa umfelandawonye waluthiya igama elithi Liqhame, elithetha ‘impumelelo entle’. Ngomhla wesihlanu nowesithandathu kweyeDwarha, amalungu endibano yamakhosikazi aseMaphandleni abambe ucweyo lweentsuku ezimbini ngezoLimo kuWadi 14, nalapho amalungu ombutho kaLiqhame ebezimase khona. Inkqubo ibandakanya ithiyori kunye necandelo lepraktikhali malunga nendlela yokulima izityalo ngokwemvelo. Iworkshop ibivuleleke kumadoda akholelwayo naxhasa iFeminism. [/vc_column_text][cz_gallery id=”cz_55624″ images=”359,358,357,356″][vc_column_text el_class=”text-content”]UBukelwa Bacela wakwaWadi 14 ebeyinxalenye yegqiza elisungule intsebenziswano kaLiqhame, kumhlaba ongahlali mntu. UBacela uchaza ukuba le ndawo ingasetyenziswanga “yayingamatyholo kwaye abantu bayisebenzisa njengendawo yokulahla inkunkuma.” Yena kunye nabamelwane abambalwa bagqiba ekubeni bacoce isiqwenga somhlaba ongasetyenziswanga baza baqalisa ukutyala izityalo. Bathenga izithole nembewu abayityala ngemali yabo. Phezu kwako nje ubuncwane babo obunqongopheleyo nokungafumani nkxaso kurhulumente, abazange badimazeke baza baqhubeka benyamekela isitiya. Le projekthi ivune imifuno efana nespinatshi kunye nekhaphetshu ezithi emva koko zithengiselwe uluntu. UBukelwa uthi enye into ethe yaqaqamba kuqeqesho lwe-RWA ngezolimo nezityalo zizifundo ngokubaluleka kokugquma kunye nokuxutywa kwezityalo. “Ekuqaleni xa sasiqala ukutyala izityalo asizange sixube izityalo kunye nokufaka izigcina-kufuma kuba sasingayiqondi loo nto.” Wongeza ngelithi amalungu alo mbutho azakwabelana noluntu ngezinto azifundileyo kucweyo ngomoya ‘womntu ngamnye, afundise omnye’. [/vc_column_text][/vc_column][/vc_row]
Back to Latest News