Ibhalwe ngu Asanda Magadla
Uluntu oluvela koomasipala abahlukeneyo kwiphondo leMpuma-Kapa beluhlanganisene luxoxa kwaye luzama ukuza nesisombululo kwindibano ibise Gqeberha kutshanje. Le ndibano ibingomhla -10 nange-1kweyeThupha kwiDyunivesiti yase Nelson Mandela.
Ingxaki yamanzi isathe gqolo ukuchaphazela amakhaya amaninzi kwiphondo, kwaye unintsi lwentsapho alunandlela ezingezinye zokufumana amanzi. Kungaphezulu kweminyaka engama-30 inkululeko yafikayo, kodwa ezinye iindawo azinazo iinkonzo ezisisiseko ezifana namanzi nombane.
Amalungu woluntu athi athathe inxaxheba kule ndibano kuba efuna izisombululo eziphathekayo kwimiceli-mngeni efana nokuphuphuma kwelindle, amanzi angcolileyo, amatyala aphezulu amanzi kunye namaxabiso aphezulu wamanzi.
Omnye wamalungu oluntu, uNelana Dyan wa kwaNobuhle, e Ward 46 eKariega, uthe, “Kusele phantse unyaka singenawo amanzi kwiitephu Zethu. Umasipala usiphathela amanzi eetanki zeJoJo, kodwa loo manzi angcolile. Isikolo saManzi kufuneka sinike indlela yokusombulula ingxaki yamanzi. Besikhe saya kwiinkqubo zokuthetha ngamanzi nakwiingxoxo, kodwa akukho nto itshintshileyo ukuza kuthi ga ngoku. Sizame ukuthetha noMasipala waseNelson Mandela Bay amaxesha amaninzi kodwa akukho mpendulo.”
Omnye umthathi-nxaxheba, uThando Tunce waseNgcobo, uthe, “Iitenda zinikwe iinkampani ezingawugqibiyo umsebenzi.Engcobo kukho iilali ezimalunga nama-64 kwaye akukho efikelelayo emanzini. Abantu kunyanzelekile ukuba babelane ngamanzi nezilwanyana kwaye kuyothusa ukubona lo nto isenzeka kwiindawo zasemaphandleni. Amanzi edama anencasa enetyuwa, mhlawumbi luphawu lokuba angcolile. Sithethile noMasipala wase-AB Xuma. Umasipala ucebe ukwakha idama lase-Engcobo eliya kunika amanzi kuzo zonke iilali.”