Skip to main content

Latest News

Published on:
5 November 2026

Bakhangela ukutya namaqithi-qithi kwindawo yenkunkuma

Ibhalwe ngu Mziwoxolo Sume

Mihla le abahlali bendawo ekulahlwa kuyo inkunkuma Koedoeskloof bavuka ngenja ixukuxa begqogqa bekhangela enkunkumeni befuna into yokutya ,iplastiki enokusetyenziswa kwakhona ,amaphepha ,kunye nempahla  yokuthengisa okanye yokunxiba. Lento ibangele ukuba lendawo yokulahla inkunkuma ijike yalikhaya, indawo yokusebenza, kunye nendawo yosizi kubaninzi.

Kundliwano-ndlebe ebesinalo bakhawuleze batsho ukuba  bona ngabaqokeleli kwaye abawafuni amanye amagama abathi babizwe ngawo. “Sivuka phambi kokuba kuphume ilanga yonke imihla, kwaye ukuba sithe sanethamsanqa, sifumana isonka, imifino, kwaye ngamanye amaxesha sifumane impahla yokunxiba.”utsho uNompumelelo Kinikini osele eneminyaka emine ehlala eKoedoeskloof.

Ngoku kwalo ka Kinikini, ongumama wabantwana abathathu, le ndawo bahlala kuyo ayinazindlu zangasese kwaye ayinamanzi. “Kodwa yilendawo esiphila kuyo”, ucacise ngelitshoyo.

Omnye wabahlali base Koedoeskloof,u Nomsa Dada ,uthe ukutya  abakufumanayo kule ndawo kuvela ezivenkileni ezinkulu ,kwaye uthi ayojonga enkunkumeni iintsuku zonke kuba engaphangeli.

“Ukutya kuvela ezivenkileni ezinkulu zalapha okanye kuvela kwihotela nakwindawo zokutyela. Sifika phambi kwentsimbi yesithandathu ntsuku zonke. Inkunkuma iza  nezithuthi ezizo kulahla ukutya okwimeko entle kodwa buthi buxutywe nenkunkuma enamatye kunye nento ezisikayo,” utshilo loka Dada.

Ngoko kwakhe, inkunkuma ibanceda babe nento yokutya emini nasebusuku kwaye bathi bathengise okunye ukutya okuphelelwe lixesha ukuze bafumane imali yokuthenga isonka.

Uninzi lwabantu abaqokelelayo eKoedoeskloof ngabantu abango mama kunye nabemi bamazwe angaphandle. Lendawo baqokelela kuyo ibeka iimpilo zabaqokeleli emgciphekweni kuba nokuphefumla iMethane gas kwaye bangazisika nange glassi kunye ne naliti. Akukho zinto zokuzikhuseli abazisebenzisayo ezifana zegloves okanye imaski.

Ngokwengxelo ye Union Against Hunger zilishumi iitoni zokutya ezithi zichithwe minyaka le eMzantsi-Afrika ngeliza indlala ichaphazela abantu abazi 15 yezigidi (15 million).

Omnye umqokeleli oyindoda ophuma kwilize lase Zimbabwe uthe weza kwindawo yokulahla inkunkuma kuba ababuzo isazisi. “Babuza ukuba uyakwazi ukusebenza nzima  kwaye unamandla na. Ndiyakwazi ukufumana ngosuku imali engage R150 ngoku qokolela iplastiki”.

Uninzi lwabantu balapha eKoedoeskloof bathi baye phayana ngenxa yendlala nentswelo-ngqesho. Bathi yonke into abayifumanayo eKoedoeskloof  bayithumela emakhayeni abo kwaye lonto incinci siyakwazi ukuyohlula.

Aba bahlali base Koedoesflook bathi bazakhela izindlu zeplastiki abazi sebenzisela  ukulala nokuzikhusela ngexesha lasebusuku naxa kushushu okanye kubanda.”Asiziva sukhuselekile ebusuku,”utshilo omye umhlali wase Koedoeskloof ongafunga ukuzichaza igama lakhe.