Skip to main content

Latest News

Published on:
23 July 2026

Abasebenzi basezifama abazamkeli inguquko ezicetywayo kwi-PIE Act

Abasebenzi basezifama, amafama asakhasayo kunye nabemi bakwindawo zogobityholo ezikwisithili saseBoland eNtshona Koloni bedibene neentlangano zemihlaba yase zidolophini kunye namatsha-ntliziyo, bazikhabe ngawo omane iinguquko ezi yilwayo zo mthetho wokuthintelwa kokukhutshwa ngokungekho mthethweni kwindawo abantu abathi bafune ukuhlala kuzo.

Kwinyanga ka June, Isebe Lezokuhlaliswa Loluntu (Department of Human Settlement) beliqhuba iintlanganiso zovakaliso-zimvo kulo lonke ilizwe, ukuze abahlali banikezele ngezimvo zabo ngalo mthetho uyilwayo. Kutshanje umbutho i-Abahlali baseMjondolo baye baqhankqalaza bechasa lo mthetho uqulunqwayo, kwaye besithi urhulumente kufuneka asombulule into yokungqongophala kwezindlu endaweni yokufakela amasolotya kulo mthetho.

Kulendibano ibiququzelelwe yiTrust for Community Outreach and Education (TCOE), bonke abathathi-nxaxheba baye abavumelana ukuba la masolotya acetywayo awuwuphuculi umthetho okhoyo. Bathi umthetho oqulunqwayo woxutha amalungelo abasele benawo phantsi komthetho okhoyo. La malungelo aquka ukuba benze imanyano ngokukhululekileyo malunga nokuhlala emhlabeni, imfuneko yokuba umnini-mhlaba afumane umyalelo wenkundla phambi kokuba akugxothe, kunye nelungelo lendawo yokuhlala engenye efanelekileyo.

UBoyce Tom waseTCOE uthe le mithetho iyinxalenye “yeendlela ezintsha zokoxutha eziququzelelwa ngurhulumente ukuze axhase oongxowa-nkulu”. Loka Tom uthe lo mthetho uqulunqwayo uyenye indlela yokusebenzisa umthetho ukuze urhulumente aqinise isandla kwabo bangenamhlaba.
“Umthetho okhoyo unika abahlali indawo yokuhlala engenye efanelekileyo, kodwa umthetho oyilwayo ufuna ingabikho lonto kwaye iyibona nayiphi na indawo yokuhlala ifanelekile,” utshilolo ka Tom.

Igqwetha elilitshantliziyo, uNathi Mjenxane wase Henk Smith & Associates, uthe olu lungiso aluphelelanga ukubeka ityala abo bathatha umhlaba ngenjongo yokwenza imali kuhpela, koko luquka nabo bathatha umhlaba kuba bengenandawo yokuhlala.
“Oku kuza kwenza nokuba kube lulwaphulo-mthetho ukuhlanganisa abantu ngenjongo yokuhlala emhlabeni. Umthetho oyilwayo uthi abo bafuna ukuthatha umhlaba kufuneka bafumane imvume yomnini-mhlaba. Kufuneka siyilwe lento,” utshilo.



UMatheko Mohobo waseSpookytown, eyindawo yoogobityholo eRawsonville ngase Worcester, uthe indawo aphuma kuyo yabakho ngenxa yokugxothwa kwabantu ezifama. “Xa amabhinqa amadala ebesebenza ezifama engasakwazi ukwenza nto, abaqashi abagxothela kule ndawo. Le yindlela eyabakho ngayo le ndawo yoogobityholo,” utshilo.
“Abasebenzi basezifama baqhubeka begxothwa kwaye abantu baqhubeka belahlelwa apha kule ndawo. Umthetho oyilwayo ujolise ekuthini woxuthe amalungelo amancinane esinawo phantsi komthetho okhoyo. Uxutha onke amalungelo esinawo kwaye ufuna ukusishiya singenanto,” uye watsho loka Mohobo.

Umlimi osakhasayo olilungu le Mawubuye Land Rights Movement kunye neRural Women’s Assembly, nomgumhlali wase Ashton, uElsie Sauls, uthe uninzi lwabahlali kwindawo yaseNkandla yoogobityholi yayingabasebenzi basezifama abagxothwa kwindawo yaseAshton. “Ukuze bakwazi ukwakha amatyotyombe abo, kufuneka banyobe oonogada bokhuseleko beRed Ants. Ukuba awuhlawuli, uyagxothwa nalapho,” uye watsho.

USauls usebenzisa umhlaba okufuphi nendawo yoogobityholo ukuze alime njengokuba wayesenza utata wakhe ongasekhoyo. Ngokutsho kuka Sauls, utata wakhe wayelima kwaye esebenzisa umhlaba kangangexesha elingaphezu kweminyaka eyi-40. Kodwa, xa yena wayebuza kumasipala malunga nokuqesha umhlaba, waxelelwa ukuba ngumhlaba wabucala kwaye umasipala akanakunikezela ngeenkcukacha zomnini-mhlaba.

“Bendisoloko ndisebenzisa lo mhlaba ngaphezu kweminyaka engama-25, kodwa akuzange kubekho bhodi ibonisa ukuba lo mhlaba ngowabucala. Kuxa bendifuna ukufumana isivumelwano sokuqesha kuphela, ndaye ndaxelelwa ukuba lo mhlaba ngowomntu wabucala,” utshilo.
Le mibutho ithe yafaka izimvo zayo ngokusemthethweni kwaye kulindileke ukuba umthetho uye ePalamente kwinyanga ka July.