Ibhalwe ngu Asisipho Khetshemiya
Emva kokuba behleli ngaphandle kweziko lezempilo iminyaka engaphezulu kwamashumi amahlanu, abahlali balelali baye bathatha isigqibo sokuzakhela elabo iziko lezempilo. Ngaphambili abahlali bakaw Nombanjana, bebexhomekeke kwinkonzo zempilo ezifika ngesithuthi kwaye belungaqingqwanga usuku lokufika kwazo.Nangexesha lobhubhane lwe Covid-19, bebengenalo iziko lezempilo.
Imali yokokha eli ziko yavela kwimali yetower ka Vodacom ezinze kule lali. Ngaphambi kokuba bazakhele elabo iziko, abahlali bebehamba umgama othatha iiyure ezine, bewela umlambo iKhononqaba besingise eNgcizele. Umgama omde, ukungakhuseleki nomlambo osoloko unomsinga ophezulu zezinye izinto ebebejongene nayo abahlali bakwaNombanjana.
Iziko elikufutshane lezempilo luqikelelwa ukuba lingamashumi amabini anesithathu ekhilometre ukuya nokubuya kulo, kwaye abantu bekunyazelekile ukuba babhatale imali engage R80 ukuya nokubuya eNgqusi Clinic.
Abantu abaninzi abagulayo abalufumani uncedo olukhawulezileyo, omama abakhulelweyo babelekela ezindlini nasendleleni ,kwaye kuye kwanyuka izifo nesifo sephepha (Tuberculosis) kunve ne swekile ngenxa yenkonzo zempilo ezikude.
Eli ziko alunabo abasebenzi kwaye akukacaci ukuba bayobakho nini. Ngoku kusasebenza iziko elikwisithuthi. Eli ziko alunasuku lokufika oluqingqiweyo. Abongikazi bathi batsalele umnxeba Komkhulu ukuba kwaziswe abantu ukuba bayeza. Esi sithuthi senkonzo zempilo sigqibele ukubakho ngomhla wokuqala kule yoMsintsi.
Abahlali bacela ukuncediswa ukuze eliziko ligqitywe kwaye lisebenze.