Latest News
Abemi boMzantsi-Afrika baqhanqalazela intiyo ejoliswe kubantu bangaphandle
Ibingamawaka athe athatha inxaxheba kumngcelele ububanjwe kutshanje e Kapa, eThekwini nase Rhawutini obuchasana nentiyo ejoliswe kubantu bangaphandle.
Abemi bamazwe bezwekazi iAfrika bahlala benoloyiko lokuhlaselwa nolokubulawa ngenxa yemigushuzo egcwele ilizwe lonke ejoliswe kubo. Kumnyaka ka 2008, intiyo ejoliswe kubantu base Afrika yaye yaneziphumo ezibi.
Yaba ngamashumi amathandathu anesibini (62) yabantu abathi basutywa kukufa. Amashumi amabini ananye (21) wabo babulawayo yayi ngabemi beli lizwe. Olu lwangoku uhlaselo lubonakala luhleliwe kwaye lamaqela achasene nabemi bangaphandle aye abeka usuku lwe 30 June njengemini kaphuma-phele kubantu bangaphandle, begrogrisa abantu, kwaye bengena imizi ngemizi begqogqa abantu abacinga uba ayingobalapha.
Lo mgcelele ubuququzelelwe yi Operation Ubuntu kunye neSiyafana Sonke Campaign kwaye ubuxhaswa yimibutho yabantu engaphaya kwamashumi asibhozo.
Abaqhankqalazi baye banikezela ngoxwebhu lwezikhalazo kulowo usandula ukungena esihlalweni sokuba yi Police Commissioner eNtshona-Kapa, u Lt Gen Sizakhele Dyantyi. Uxwebhu beluqulathe izinyanzeliso ezijoliswe ekubeni amapolisa ayeke ukuchasana nabantu bangaphandle nokubanjwa kwabo baxhokonxa intiyo nodushe olujoliswe kubantu bangaphandle.
Ngexesha bebengaphandle ePalamente abaqhanqalazi baye banizekela ngamaxwebhu ezikhalazo kwisebe lezindlu, isebe lezekhaya kunye nesebe lezobambiswano nezemveli.
Ulwamvila lohlaselo luvakale kakhulu kwindawo zangaphandle
Ngexesha apho uhlaselo beliphezulu, abemi bezwekazi le Afrika abasebenza ezifama kwaye kwanyanzeleka ukuba babhace. Kwintsuku ezilandela umhla ka 30 June, iSebe lezeKhaya elizinze e Epping, kwisixeko seKapa laba yindawo yokubalekela ngenjongo yokufumana amaphepha okulishiya eli lizwe.
Ngamawaka wabemi base Zimbabwe nase Malawi abathi bafumana uncedo kwaye bakhweliswa ibhasi besiya eMusina nalapho baye benziswa lento ibisele yenziwe eKapa yamaphepha okuhamba.

Iziphumo zohlaselo lwabantu bangaphandle kwindawo ekuthengiswa kuzo ngamafama asakhasayo
Ongumfama kwingingqi yase Giyani eLimpopo, uAdam Mabunda uthi indawo yokuthengisa isivuno samafama we Mopani Farmers Union yaye yachaphazeleka kanobom.
Loka Mabunda uthi zilishumi elinesibini icooperatives ezithumela isivuno sazo kwindawo zokuthengisa ezise Giyani, eTshwane, eRhawutini, eThekwini nase Kapa, apho bathengisa imifuno kubantu abathengisa esitalatweni, iindawo zokutya okuvuthiweyo kunye neevenkile ezinkulu zokutya. “Uninzi lwabo bathengisa ezitalatweni abasathengisi ngenxa benoloyiko lokuba baza kuhlaselwa. Ayingabo bonke abantu abathengisa ezitalatweni abangabemi bamanye amazwe. Bakhona abasuka kwalapha eLimpopo abanye besuka eMpumalanga, kodwa kuba bengathethi ulwimi lwesiZulu, banoloyiko loba bazakuhlaselwa. Kodwa sibona bamane bebuyela ngokubuyela ekuthengiseni,” utshilo oka Mabunda.
OyiNjingalwazi kwiUniversity yase Pretoria u Marc Wegerif ukungqinile uba kuye kwachaphazeleka ukuthengisa ezitalatweni kwaye abantu bathi banyanzeleka uba bathenge imifuno nezinye izinto ngamaxabiso aphezulu kwivenkile ezinkulu.
Inxaxheba edlalwa zilabour brokers ekucinizeleni abasebenzi basezifama
Ongumi waseLesotho obesebenza efama kwingingqi yase Robertson, uThabiso Motsira uthi uhlaselo lwabemi bangaphandle lube nenxaxheba ekuphelelweni kwake ngumsebenzi. Loka Motsira uthi waye wasebenza isigxina ukusukela ngonyaka ka 2018, kwaye ngoku uzifumana engana msebenzi. “ Ngoku unkosikazi wam nabantwana ababini bam ababini bayasokola.”
Omnye naye ophuma kwilizwe lase Lesotho u David Motjamela uthi waqala ukusebenza ezifamangonyaka ka 2016, esebenza emasimini nalapho kugcinwa khona izinto. “ Ndaye ndabizelwa ofisini ndaxelelwa ukuba amaphepha wam awekho ngendlela,” utshilo lo ka Motjamela.
Ongumququzeleli wombutho wabasebenzi iCSAAWU uPatrick Williams uthe ngumceli-mngeni ukugaya abasebenzi abaphuma kumazwe angaphandle kwimibutho yabasebenzi kuba benoloyiko kwaye amafama ebagxotha abo bakwimibutho yabasebenzi.
“ Sake safaka abasebenzi abangama 200 bangaphandle kumbutho wabasebenzi besebenza phantsi kwe labour broker kodwa wathi wakuyazi lonto umfama wasiphelisa isivumelwano ne labour broker leyo nangona yayingabantu ababesele besebenze iminyaka emide,” utsho loka Williams.
Ngokuka Williams, imeko ye labour broker yenye yezinto ebangela ukuxhatshazwa kwabasebenzi namalungelo abo kuba abesebenzi be labour broker abana malungelo. “ Umthetho we Basic Conditions of Employment Act) awubachaphazeli abantu abasebenza ngaphantsi kwe labour brokers ezifama. Abafumani imali engumlinganiselo namanye amalungelo. Amafama afuna abo baphantsi kwe labour broker ukwenzela ukuba benze imali ngabo,” ucacise ngelitshoyo.